beklabhu - uDavid DIamini, uDan Naidoo noAlbert Des Nerves bavumelana ukuba uNaidoo noDes Nerves ngabo abaza kujongana nokulawulwa kweklabhu. Kodwa kuthe emva kweenyanga ezimbalwa uDludla, uDes Nerves noDlamini bazifumana sele bebekwe bucala nguDan Naidoo onguyena onezabelo ezikhulu kweli qela.
Emva koko kwabanzima ukwenza imisebenzi yethu njengabalawuli kuba sasingasabinazo iintlanganiso ezazibakho qho ngenyanga nemali yeklabhu yasetyenziswa yaphela yangabikho ke imali yokwamkelisa abadlali. UNaidoo akazange asixelele
ukuba isetyenziswa kanjani imali yeklabhu yaza loo nto yabangela iingxaki, utsho uDludla. SinoDavid sazama ukuthetha noNaidoo ngezi ngxaki ukuze sisindise eli qela kodwa akazange asihoye uDan Naidoo. Wafuna ukuzenzela yonke into eyedwa.
yasixaka ke into yokuba abantu namajelo eendaba athi siyazibaleka iingxaki zeklabhu. Sizama kangangoko sinako ukusebenzisa qunya lethu njengabalawuli. AmaZulu lelinye lamaqela amadala ebhola neliliqhayiya kuhlanga lwamaZulu. Le klabhu inesiko yaye nabani na ofuna ukuphatha eli qela kufuneka azimisefe ukulandela elo siko yaye aligcine liKwaZulu-NataL
Kuzo zonke iingxaki ezixake iqela laMaZulu, abona bantu beva ubuhlungu kakhulu ngabalandeli balo. Kule minyaka mithandathu idlulileyo iqela labo belisoloko lisinda ngokulambisa ezembeni. Mva nje kuye kwanzima kubo ukuhlala babukele xa bebona ukuba abadlali bathi abanakudlala kuba bengamkeliswanga imivuzo yabo.
Kubuhlungu kubalandeli ukuva ukuba abadlali abamkeliswanga imivuzo yabo, utsho usihlalo wabalandeli baseHammersdale, uSeth Makhathini. Kufuneka iklabhu yethu ifumane inkxaso-mali ukuze
BONA XHOSA July 1 999 63
 Ngaba uyawasindisa AmaZulu nokuba uyawabulala? Ziyabethana izimvo ngalo mlawuli waMazulu unezabelo ezininzi uDan Naidoo. Kodwa yena uthi uzimisele ukuwasindisa AmaZulu.

iphume kule ngxaki - kanti enye into kufuneka sibasuse aba balawuli bathathu bangafuniyo ukusondela kwimicimbi yeklabhu.
Omnye umlandeli woSuthu nongusihlalo wekomiti yabalandeli, uGeorge Hlongwa uyakungqina okutshiwo ngabalawuli ekungekho nto yabo.
Abalandeli bethu bafuna iklabhu iphumelele. lzityholo zokuba kukho abalawuli abangasondeliyo eklabhini
ziyabacaphukisa
abalandeli abaninzi.
Sifuna bagxothwe aba balawuli kuba ukungawenzi kwabo umsebenzi wabo kwenza nabadlali bangadlali kakuhle. Siyavuya njengokuba iklabhu yethu isindile nje ezembeni yaye sinethemba lokuba kwisizini ezayo siza kufumana abaxhasi ngemali nabantu abaza kuyiphatha ngendlela iklabhu.
Usihlalo wabafandefi baseMtubatuba nabaseThekwini, uSipho Mbuyisa noThemba Fakazi nabo banoluvo lokuba mabagxothwe abalawuli abangawenziyo umsebenzi wabo.


Asinakunyamezela ukuba nabantu abangawenziyo umsebenzi wabo. Abakhange beze entlanganisweni bazosichazela ukuba kutheni bengawenzi nje umsebenzi wabo wokuba ngabaphathi, utsho uThemba.
Bavalele abanye abantu abakufunayo ukuba ngabaphathi beklabhu. Mabathengise izabelo zabo bayishiye iklabhu, utsho uSipho nonqwenela ukuba uClive Barker abe ngumphathi-jikelele waMaZulu kwisizini ezayo.
AmaZulu ngoku nabalandeli bawo baxhomekeke kuDan Naidoo owathengisa ezinye iimoto zakhe ukuze asindise eli qela. Abanye abalandeli bathi iklabhu isindiswe
Ngeminyaka yempumelelo - abadlali  baMaZulu bebhiyozela indebe abayizuza kwiminyaka esixhenxe edlulileyo.
July 1999 65
Angabuyela nje Amazulu kwinqanaba ayekulo?
nguye ekubeni irigatshabalali. Kodwa kukhangelaka ngathi uDan Naidoo uphelelwe ngumonde ngenxa yabanye abalawuli akunye nabo.
Ndiyakholwa ukuba abanye abalawuli abasenamdla kwizinto zale klabhu. Oko ndafika kule klabhu ndisebenzisa imali yam andincediswa mntu. Kungoku nje ndithethana nenkampani ezimiseleyo ukusinceda. Bathe baza kutyikitya isivumelwano seminyaka emihlanu ukuba iklabhu isindile ezembeni. Sakusenza eso sivumelwano ndiya kutsho ngokuphandle ukuba AmaZulu aphumile kwiingxaki zemali, utshilo uNaidoo
Aba baxhasi lingekathiwa pahaha
igama Iabo banike AmaZulu i-R750 000 ukuze agqibezele isizini. Kodwa ngokutsho kukaDumisani Shandu oyiPRO Ie mali incinane kwiklabhu enkulu njengaMaZulu engenayo nesenti ebhankini. Siseza kuqhubeka nokuhamba sicela ezinkampanini ukuba zisixhase yaye siza kusebenzisa igama likaDan Naidoo kuba ngoyena mlawuli weklabhu usathembekileyo
UDludIa yena uthembise abalandeli baMaZulu nabathandi bebhola baseMzantsi Afrika ukuba luza kuvuka Usuthu phezu kwazo iingxaki olunazo okwangoku. SinoDavid Dlamini sithetha neenkampani enkulu eza kutyikitya isivumelwano seminyaka emihlanu. Ndiqhagamshelene namanye amaqela aseYurophu ukuze sakhe ubudlelwane nawo. Ndilinde amanye amaqela ukuze asichazele kakuhle ngesi sivumelwano. Zininzi izinto eziza kubonwabisa kwakhona abalandeli, abadlali nabantu baKwazulu-Natal, utsho uDludla.
lngxaki yemali kuMaZulu nakwamanye amaqela ePremier Soccer League iwuhlazile lo mbutho webhola yaye ungaphazamisa neenzame zokuba imidlalo yeWorld Cup iqhutyelwe kweli ngo-2006.
lyandikhathaza imeko yamaqela athile kwiligi aquka naMaZulu, itsho intloko yePSL, uJoe Ndlela. lndlela aphethwe ngayo nazibhengeza ngayo ayiginyisimathe. Kukho amaqela abolekwe imali yiPSL kodwa oko kufanele kuphele.
Ndiceba ukwenza indibano endiza kumema iiPRO zamaqela kuyo ukuze siqwalasele umcimbi wokufumanela amaqela imali. Ndithe amaqela amaninzi makazame iindlela zokufumana imali. Asinakuyinyamezela into yokuba namaqela aphethwe ngabantu ngabanye kuba abanako ukumefana nolo xanduva.
Iklabhu yebhola ifana nenkampani yaye ifanele ibe nawo onke amasebe ukususa kwawokuphatha ukuya kwawezentengiso. Uninzi lwamaqela afunawo loo masebe yaye yiloo nto ewenza abe neengxaki. Amaqela amakhulu anjengeLiverpool neManchester United akwinqanaba akulo ngenxa yokuba yokuphathwa kwawo ngendlela. Ndifuna onke amaqela aseMzantsi Afrika ukuba aphathwe ngolo hlobo kuba oko kuya kwenza kungabikho mfuneko yokuba iligi iboleke imali amaqela atsala nzima. utshilo uJoe Ndlela.
ilusapho! yakhwaza imiboko icula umhobe onamandla
ulumkisa bonke ababukeli kukhuphiswano kwiLipton Championships eFlorida ukuba olu ayilo khuphiswano nje lwamanqam oluqhelekileyo kwitumente yaseuSA. lntombi zakwaWilliams zazikhuphisana zodwa, uVenus one-18 leminyaka, nomsakwabo
Amantombazana akwaWilliams azintandane ezintsha zentenetya kazwelonke yamabh!nqa 
omncinane, uSerena, one-17 leminyaka.
Awunakutsho ukuba bazalwa kunye xa bekhuphisana kwibala lentenetya, khuphiswano 0L0 luya kwiWimbledon Lawn Tennis Championships eLondon kule nyanga, koko basisibini esintsundu kumdlalo odlalwa ngabamhlophe ikakhulu - kwaye abazange bafikele kwinqanaba
B
 AZIBALULE KWINTENETYA
BAZI BALULE KWINTENETYA
uVenus, kwitumente badlalela ukuwina hayi ukufumana abahlobo -zonke ezi zinto zenza ezi ntombi zithandwe kakhulu ngabalandeli. Nkqu nakwiinkomfa noonondaba ezibakho emva komdlalo abazithathi ngendlela endilisekileyo ebekelwa imicimbi efana nale. linzululwazi zentenetya bezingalindelanga ingcaciso kaSerena ngomdlalo olula wokuqala awuphumelefayo, Ibiliwele Jam elikhohlakeleyo uSerena.
Xa bengekho semsebenzi, ixesha elininzi badlala ngeekhamera zabo ezincinane. Okanye baya ezivenkileni bayokuthenga bade bangabinayo nesenti - bethenga iimpahla zakwaDiesel neshades zakwaGucci, ookhwel eqongeni bezihlangu zeli xesha neebhutsi, igolide neebhengile zedayimani, iibhulukhwe ezilubhelu zekhamaflaji, ukuya ezikipeni neebharethi (kaloku uVenus unesivumelwano se-$12 million nenkampani yakwaReebok ukanti uSerena yena unesivumelwano nabakwaPuma). Elona xesha limnandi ebebenalo ibingekokuphumelela umdlalo wentenetya koko ibikukungenela umsitho wophuhliso obusenziwa njengomdlalo kamabonakude othandwayo -wokuzula-zula esuphamakethi ubone ukuba ungayilayisha kangakanani itroli
UVenus Wi!liams ubetha ibhola iikhilomitha ezingama-137 ngeyure ngokuqinisekileyo uza kuphumelela nguCLIVE BRUNSKILLTOUCHLlNE
yakho ngomzuzu omnye okanye emibini.
Umama wabo uOracene, owaziwa ngokuba nguBrandi, usabona kufanelekile ukugcina imali angayidyakazi kwizinto zamaxabiso aphezulu eFlorida. Nangona zikhalaza iintombi zakhe akazivumeli zikhwele inqwelo-moya zihlale kwindawo yeengcungcu kuhambo olude lokusuka eMelika lusingise eYurophu okanye eAustralia.
Loo nto ayithethi ukuba iintombi zakhe azinalo ixesha lokuzimisela. UVenus unezifundo awazipasa ekholejini kwaye ufuna ukuba ngumthungi xa engasayidlali intenetya. USerena uzimisele ukugqiba amabanga akhe aphakamileyo ukwaceba ukusebenza njengogqirha wezilwanyana.
Okanye ngutata wabo, uRichard, obafundise ukuba baligcine ixesha. Uphendula ifowuni yakhe athi, Nguvenus? Nguserena? Ngubani othethayo? kwaye uhla enyuka xa befika kade ngemizuzu emihlanu kwidinga labo.
lxesha libalulekile kum. Ukuba uthi ngentsimbi ye-7:30, thetha oko. Kufana nabantu basematyotyombeni
- yiyo le nto balapho. Ngendisenza enye into, ngendisenza imali.
Ngoko rhoqo xa enakho, usoloko ephethe ibhodi ezinephosta yakhe emidlalweni ebhalwe ukuba Wamkelekile kumdlalo wakwaWilliams. Kwaye umxholo kulo mdlalo ungosapho ikakhulu -uBrandi usoloko ehamba neentombi zakhe kuyo yonke imidlalo. Phofu xa babeselula abantwana bakhe bebengenaye umntu ohlala nabo waza wayeka umsebenzi wakhe wokuba ngumongikazi de uSerena wakwibakala lokuya esikolweni samabanga aphantsi.
Ngoku usebenza njengomlungisi weenwele athabathe indawo yomqeqeshi uRichard xa engekho, nto leyo isoloko isenzeka njengoko engathandi ukuhamba ngenqwelomoya. URichard ubaqeqeshile phantse ngokwahlukileyo kwasekuqaleni kwaye uhlala egxeka ngexesha lokuprekthiza - kodwa ugqibela egonwa enconywa jikelele. Xa kufika ixesha lemidlalo. Nangona ubakhuthaza ngamazwi anjengala athi DIala, Serena, dlala! abhalwe kwibhodi yakhe yemiyalezo.
Banesiphiwo, banamandla, banesibindi - uze uzibukele iintombi zakwaWilliams xa zidlala!il
